UBhaliso loluTsha
Imbali yemvelaphi
Ukhetho lokuqala lwedemokhrasi elizweni lethu lwaba ngomhla wama-27 Aprili 1994 kwaye sesiza kubhiyozela isikhumbuzo somnyaka we-10 weso sehlo. Ilungelo lokuhlala kwindawo enedemokhrasi kwezinye iimeko linokuthathwa njengenyaniso kuba abaninzi kuni babesenancinane ngo- 1994 kwaye bazi kuphela iimeko ezikhoyo ngoku. Idabi lendawo elinganayo nenedemokhrasi apho kukhona indawo phantsi kwelanga yabo bonke abemi boMzantsi Afrika kungajongwanga uhlanga, ubuni, inkolo, ulwimi okanye nayiphi na enye into eyinxenye yokwahluka-hlukana kwethu, engezanga lula. Akuthathanga zinyanga, minyaka okanye shumi laminyaka kodwa ngenene iinkulungwane okumisele imbali yoMzantsi Afrika. Lilungelo kunye nelungelo elilodwa ekufuneka abemi boMzantsi Afrika balikhusele ngamandla apho khona nina, lutsha lwelizwe, ninendima enkulu ekufuneka niyidlale.
Ilungelo lakho lokuvota
Ilungelo elingundoqo kwindawo enedemokhrasi lilungelo lokuvota. Ilungelo lokuvota lenza ukuba umntu abe yinxenye yenkqubo emisela ukuba leliphi iqela okanye amaqela opolitiko alawula isizwe. Ukhetho lukarhulumente olungqalileyo okanye olungangqalanga lumisela iinkqubo nemithetho elawula uluntu lwethu kwaye ekugqibeleni ubomi babantu ngabanye. Umntu ngamnye ngalo lonke ixesha unokhetho lobuqu oluninzi ekufuneka alwenze kodwa ke oko kwenzeka phakathi kuluntu ahlala nalo - kwaye ngabavoti ngokhetho lwabo lorhulumente kwixesha abaye bamisele ubunjani bentlalo.
Ilungelo lakho lokubhalisa
Ukuze ube nako ukuvota kufuneka ubhalsie njengomvoti. Bonke abantu abangaphezulu kweminyaka eli-16 kwaye abanoxwebhu lwesazisi olunebhakhowudi banokufaka isicelo sobhaliso njengabavoti. Kuphela ngabantu abaneminyaka eli-18 okanye ngaphezulu kusuku lokuvota abaya kubandakanywa kuluhlu lwabavoti. Abo basengaphantsi kweminyaka eli-18 ngosuku lokuvota lonyulo lwesizwe kunye nolwamaphondo bayakufakwa kuluhlu lokuvota ngokuzenzekelayo xa begqiba iminyaka eli-18. Oko ke ngoko kuyakwenza ukuba bathabathe inxaxheba kukhetho loomasipala kukhethelwa amabhunga oomasipala xa lusenzeka kukhetho jikelele loomasipala ngo-2995/6.
Ukuvotela iqela olikhethayo
Abanye benu banokuvota kwaye balazi iqela abazimisele ukulivotela. Yimfihlo yakho leyo. Abaninzi benu, banokungaqiniseki kwaphela ngokuvota okanye ukuba bavotele bani. Kuyaqondeka oko ukuba nje ungakhumbula ukuba uyakukwazi ukukhetha kwimicimbi ukuba ngaba ungumvoti obhalisiweyo. Ngokuba ngumvoti obhalisiweyo oko kuyakukuvumela ukuba uthabathe inxaxheba okanye ungayithabathi kunyulo kwaye oko kuyakukushiya nokhetho lokuba leliphi iqela elithabatha inxaxheba oya kulixhasa. Kwakhona soloko ucinga ukuba nguwe kuphela oyawukwazi ukuba leliphi iqela olixhasileyo - ivoti yakho iyimfihlo yenene.
Abantu abancinane bayamangala ukuba iivoti zabo ziyabala na kwaye zenza umahluko na. Ngaphandle kwefuthe elinokubakhona ngokuba ngumvoti obhalisileyo kukwabalulekile ukuba uyavota na okanye awuvoti. UMzantsi Afrika unenkqubo yokhetho yomelo eyalameneyo. Le nkqubo ayikhupheli bantu bathile ngaphandle njengakwamanye amazwe apho ophumeleleyo kunyulo athatha konke. Inkqubo yethu inesiseko esiquka konke apho amaqela amancinane kunye nangamagcuntswana aye nawo afumane umelo ngokungqinelana nenkxaso yawo. Into ekumele uyikhumbule kukuba kwinkqubo yomelo olulinganayo ivoti yakho ayonyusi kuphela isabelo seevoti ezipheleleyo zeqela olixhasayo, kodwa ikwahlisa nesabelo sawo onke amanye amaqela athabatha inxaxheba. Le yinyani yezibalo ongayivavanya kumsebenzi malunga nefuthe apho malunga nezigidi ezi-6 zabantu abatsha abangaphantsi kweminyaka engama-25 ebebeya kubanalo kwiziphumo zonyulo.
Impelaveki yokugqibela yobhaliso
Konke oku kungasentla, kuxhomelele ekubhaliseni kwakho njengomvoti. Ukubhalisa kukwenza ukuba ube nako ukunika ifuthe kwaye kukwenza ukuba ubaluleke. Ukuba ngaba awubhalisanga njengomvoti ngelishwa awunako ukulifaka ifuthe kwaye uyakuzenza ukuba ungabaluleki kakhulu kwiinkqubo zethu zedemokhrasi. Nokuba uyavota nokuba uvota njani unokwenza isigqibo kamva, kodwa okwangoku kufuneka uzinike ulwazi ngokubhalisa. Imihla ngowama-24 nama-25 Januwari 2004 kwaye kufuneka ubhalise kwisithili sokuvota ohlala kuso. Iya kuba lithuba lokugqibela oyakuba nalo ngalo ukuba ubhalisile phambi kokuba ibe lunyulo.
